Ibali Lika inathi

Directions

Ibali Lika inathi Akhona amaxesha obumnandi Akhona nawobubi apho uye udinge abantu kodwa ubaba dele

08/10/2026

Big shout out to my newest top fans! Minathi Smith

26/09/2026

Molweni guy's ninjani kwaba bafuna ndibabhalele ibali okokugqibela ndibuyile ke so ndicela i topics okanye mabatsho uba bafuna ndibhale ngantoni babe nesiqinisekiso soba bazokwenza ngendlela eyiyo ukuze ndibhale ke ndixhomekeke kuni enkosi.

22/09/2026

xolweni ngonqaba phof andinqabanga ibali ndiliyekile ngxaki abantu abenzi lento icelwayo benza into abayithandayo which is good kubo ngohlobo ababona ngalo nam ke ndidikiwe kukucela abantu ba commente ebalini lam ndingafuningathi ndiyabanyanzela so ndiye ndathatha isigqibo soba andizophinda ndilibhale ibali enkosi nge support endithe ndayifumana kubanye benu

18/09/2026

Ndifunde Umthanda

Insert 15

Ibilusuku lokubeka umama endlini yakhe yokugqibela bekugcwele sana kucaca uba inene uwile umthi omkhulu sivakele isandi sishiye abantu abanintsi benentliziyo ezophukileyo bekusekuseni ngentsimbi yesithandathu xa kusiza imoto yombutho ka mama ilandelwa zimoto zasekhaya,ezabantu ebesebenza nabo nabantu bokuhlala bezingumngcelele ukuzongena emasangweni asekhaya bendingayikholelwa tu kele yoba nyani u Mamtshawe usishiye nyani Kweli lamagade ahlabayo uye wothulwa wangeniswa endlini enkulu apho kukhona abantu ibisisikhalo iyilonto nje apha ekhaya ndithe ndisamile njalo ndabizwa ngu Luphawu umntana ka Dabawo

Luphawu: bhuti lubanzi kuthiwa mandikubize
MN: okay Nana ndiyeza
Ndiye ndalandela emveni kwakhe bendibizwa ngu Makhulu
MN: khulu
Makhulu: hambobiza abantwana bakowenu kuzongenwa inkonzo ka coceka nizosose nibone nomzimba ka mamenu uqine ndoda uqinele u tatakho nabantwana bakowenu kodwa ke andithi ungakhali
MN: kulungile khulu

Ndiye ndahamba ndayobiza o Okuhle ke ndifike behleli bobane

MN: niyabizwa kulandlu inkulu
Bona: kulungile masambeni

Siye sahamba ke indlela ebekugcwele ngayo bekukho nabantwana besisikolo umama ebefundisa khona bebaninzi bekhala abantwana siye sangena ke kulandlu inomzimba ka mama kwakhonzwa siduduzwa wathetha umfundisi

Mfundisi: eeh khaya lakwa boi sivile ngesehlo esinehleleyo ilifu elimnyama elinehle leyo ndithi ke Kuni mzi wakwa Boi duduzelekani ningamsoli uthixo

Bengakhali abantu mntakabawo.

Mfundisi: umzimba unganonwa kodwa kuzoqala I family yakhe cela nisipheni iculo elizukileyo usapho lubone umziba

Andiwa nam amanxeba am uzowapholisa
Ubaba uzowapholisa
Amanxeba am uzowapholisa ubaba
Mmmm(behamisha)ibingabantu ke abo becula siye sayombona umama bakhala abakhalayo kwafika ixesha loba siye ententeni ibintle I decor yabo kuye kwaqaliswa ukukhonzwa kwafikelela ixesha loba kuzothetha abantwana bakhe

MC: lixesha loba sicela abantwana bomfi baze ngaphambili

Siye Saya sikhatshwa ngabakulo mama nabakulo tata uye wathatha I mice u Isiphile wacula

Isiphile: Thula moya phola ntliziyo yam ujehova useduze nawe

Abantu:oyinina

Isiphile: Thula moya phola ntliziyo yam ujehova useduze nawe kuyophakama izodalwa sekuyo phakanyiswe sezulwini

Abantu: hayipona

Abanye bayalila sana

Isiphile: kuyo phakama izodalwa sekuyo phakanyiswe sezulwini thula moya phola ntliziyo yam ujehova useduze nawe kuyophakama izodalwa sekuyo phakanyiswe sezulwini ulizwi inkosi wayekhona umhlaba useduzenawe

Uye wagqhiba wandinikeza I mice uba ndiqale ndithethe mna yena uzothetha emva Kwam

MN: Mandithathe elithuba ndinibulise nonke ndibulisa abafundisi abantu ababesebenza no mama uceba inkosi kunye wonke umntu olapha ndingalibelanga ubulisa I family yasekhaya neyakulo mama lo ume Phambi kwenu ngu Lubanzi Boi umntana womfi wakuqala ndizothetha ngo mama umama enyanisweni usizimele besingayazi ukuba siyoze siphinde sibonane kwinto enje silusapho ushiye intliziyo zethu zophukile kwaye zinemibuzo yoba uvumenjani ewe lento yokushiywa ngu sisi wethu u Sivuyise isilimazile naye imlimazile kodwa besisajonge lukhulu Ku mama ibingumntu obungasoze umbone xa edandathekile uba edandathekile ebengayithandi into embi u mama ibingumntu ononcumo onentliziyo entle ethethela phantsi ebevana nabantu kakhulu umama ebengayithandi into yokuxabana ebesuka enze uxolo phakathi kwabo Bantu ndilimele andinamazwi ushiye abantwana abasafunda ibanga eliphantsi bendifuna andibone xandiphumelela umqweno wam ibikukuba ndimvuyise ndimthengele umzi nemoto akhe atye imali yam xandiphangele wonke lomnqweno bendinawo ujike wabasisilonda esingazophola k*m enkosi

Abantu: uxolo ndoda

Ndiye ndanika u Akhanani wathetha naye

Akhanani: molweni mna ndingumntana womfi wesithathu ndizothetha nje amazwi amancinci ndehle ndifuna ukuthi kuwe tshawekazi ulalekakuhle apho ukhoyo usikhanyisele singabantwana bakho eneneni usizimele kodwa ke akunani uzohlohla usezintliziyweni zethu ungangabikho ngokwenyama kodwa ngoko moya Unathi lalango Xolo mama siyakuthanda singabantwana bakho enkosi

Abanye akhange bafune uthetha kuye kwathetha abantwana besikolo baye bacula Kuqala
Abantwana besikolo: andiwa nam amanxeba am uzowapholisa ubaba uzowapholisa

Gqun gqekre lidudume ladlula lishiye umonakalo umakhulu lishiye emva ekhaya isisikhalo khanindibokekeni indlebe mawethu khanizoleni madoda ifuna uthetha inkosazana liwile ilitye elikhulu madoda uwile umthi omkhulu sivakele isandi mkhululeni ahambe andifuni kuthi ugqhatso omhle ulufezile ngoba klk besisajonge lukhulu kuye inene isitya esihle asidleli lala ngoxolo Mamtshawe cc umzamo omhle umzamile ubuseze ngobuso elizweni sifunde lukhulu kuwe miss ubunothando ingqiqo uxolo nentlonipho sisikolo silahlekelwe madoda ndifuna ukuthi family yakhe mkhululeni ahambe zihlobo zakhe xolani ngoba unithandile masiyiseleni lendebe noba Iya krakra zi enemies zakhe vuyani nigcobe ngoba klk isifiso senu senzekile bantwana bakhe Xolani nimkhulule ahambe ayoku phumla kokhokho haisuka marn ndiyathanda uthetha ye gram yencibilili iyhooabafundi: salusukuthula moya salusukuthula moya salusukuthula ntliziyo yam phindepho ubuvela khona (becula)

Xeshikweni kusuka omnye umfundi obebonga uqhubile umngcwabo wamhle kwatyiwa abanye bagoduka bashiyeka abanye

18/09/2026

hi guy's ndigqhibile ubhala i exams cela ubuza ndinibhalele?

10/09/2026

Happy follow-versary to my awesome followers. Thanks for all your support! Namhla Pipile Felem

04/09/2026

I'm on the weekly engagement list for Ntlupheko ndini.

02/09/2026

Ndifunde Umthanda

insert 13

Njengoba nisazi uba siswelekelwe apha endlini bekukubi yonke into bek*muncu kwanto namhlanje besizovisithelwa ngabantu bomsebenzi Baka mama nabaka Tata bekusele bexelelwe abamelwana ibihleli nje sisikhalo apha endlini eneneni lento ka Sivuyise isilimazile sonke apha endlini kulo Tata bebesebeyazi ngalomphanga kwaye bebothukile ngolona umntu ongakhange agule abike hlaba wasizimela esemncinane umama ebengayamnkeli kwaphela into yokulahlekelwa ngu Sivuyise ebengatyi esoloko enyembezana u Okuhle ebezivalela egumbini lakhe lokulala abukele I video zakhe no Sivuyise ebelimele kakhulu umntana ka tata u Akhanani yena ebezama ukuziqinisa nangona ubukwazi umbona uba wonakele ngaphakathi naye abenemini zokuya egumbini lika Sivuyise athathe pictures zika Sivuyise alike umntana ka mama bendingayithandi kwaphela lento ibilapha endlini amawele ke Ona ebenemini akhe ancokole ngaye usivuyise njengomntu ingathi angaphinde avuke kodwa ke leyo into ayizokwenzeka

01/09/2026

insert ezimbini zizongena later xolweni ngonilindisa

01/09/2026

With Ibali Lika inathi – I just made it onto their weekly engagement list by being one of their top engagers!

Address

Mdantsane
2113

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ibali Lika inathi posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Shortcuts

Share

Category